14. imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.
15. Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kuló mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, ndide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.
16. Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.