Igenesis 27:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.

5. Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe.UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.

6. URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho,

7. esithi, Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.

8. Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo.

9. Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo;

10. ukusé kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.

11. Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.

12. Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo.

Igenesis 27