Igenesis 27:37-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibaniké yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?

38. Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndísikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.

39. Waphendula uIsake uyise, wathi kuye,Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba,Lee nombethe wezulu ovela phezulu.

40. Ùya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho;Kuthi wakudlokova,Uyàphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.

41. UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.

42. Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala.

43. Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran;

44. uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho,

45. ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumèle ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?

Igenesis 27