Igenesis 26:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. ndiyàndise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi;

5. ngenxa enokuba uAbraham waliphulaphulayo izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam.

6. Wahlala uIsake eGerare.

7. Abuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe. Wathi, Ngudade wethu; kuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; hleze ambulale amadoda ale ndawo ngenxa kaRebheka, ngokuba ebemhle imbonakalo.

8. Kwathi, akubon' ukuba ulibele umzuzu khona, wondela uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, ngefestile; wakhangela, nanko, uIsake edlala noRebheka umkakhe.

Igenesis 26