Igenesis 26:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathi uAbhimeleki, Yini na ukuba wenze le nto kuthi? Othile ebantwini ebengáthi alale nomkakho, ube usizisele ityala.

11. UAbhimeleki wawisela bonke abantu umthetho wokuthi, Lowo uyichukumisayo le ndoda nomkayo wobulawa afe.

12. UIsake wahlwayela kwelo zwe, wazuza ngaloo mnyaka imilinganiso elikhulu; uYehova wamsikelela.

13. Yaba nkulu indoda leyo, yaya ikhula ngokukhula, yada yaba nkulu kunene.

14. Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti.

Igenesis 26