Igenesis 26:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwabakho indlala ezweni, ngaphandle kweyokuqala indlala, eyayikho ngemihla ka-Abraham; waya uIsake uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, eGerare.

2. UYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; yima ezweni endiya kukuxelela lona.

3. Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;

4. ndiyĆ ndise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi;

Igenesis 26