6. Wathi uAbraham kuye, Zilumkele ungambuyiseli unyana wam khona.
7. UYehova, uThixo wamazulu, owandithabathayo endlwini kabawo, ezweni lokuzalwa kwam, owathethayo kum, owandifungelayo esithi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe, yena wosithuma isithunywa sakhe phambi kwakho, umzekele umfazi unyana wam khona.
8. Ukuba ke inkazana leyo ithe àyavuma ukukulandela, woba ukhululekile kwesi sifungo sam; kodwa uze umgambuyiseli umyana wam khona.
9. Wasibeka umkhonzi isandla sakhe ngaphantsi kwethangá lika-Abraham inkosi yakhe, wamfungela loo nto.
10. Umkhonzi wathabatha iinkamela ezilishumi kwiinkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram,* phakathi kweMilambo,* emzini kaNahore.