Igenesis 19:17-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.

18. Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.

19. Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Ùyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.

20. Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.

21. Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo.

22. Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.*

23. Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.

24. Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;

25. wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.

26. Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.

27. UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.

Igenesis 19