Igenesis 17:2-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.

3. Wawa uAbram ngobuso bakhe.

4. UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; ùya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.

5. Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram;* igama lakho liya kuba nguAbraham,* ngokuba ndikwenzé uyise wengxokolo yeentlanga;

6. ndiya kukuqhamisa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;

7. ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;

8. ndílinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.

Igenesis 17