11. Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona ùmithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli,* ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho.
12. Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.
13. Walibiza igama likaYehova, obethetha naye, wathi, ÙnguThixo ozibonakalisayo. Ngokuba wathi, Ndisabona na nalapha, emveni kokuba ndimbonile?