Igenesis 14:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngomnyaka weshumi elinaminé weza uKedorlahomere nookumkani ababanaye, bawatshabalalisa amaRafa eAshtaroti-karnayim, namaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim,

6. namaHori entabeni yawo yakwaSehire, kwasà kwiElparan, engasentlango.

7. Bajika, beza e-En-mishpati eyiKadeshe, balitshabalalisa lonke ilizwe lakwa-Amaleki, nama-Amori abehleli eHatsetson-tamare.

8. Waphuma ukumkani waseSodom, nokumkani waseGomora, nokumkani waseAdama, nokumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare, bakha uluhlu lokulwa nabo entilini yaseSidim;

9. noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi, noAmrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare: ookumkani abahlanu balwa nabané.

10. Ke intili yaseSidim yaye iyimingxuma yodwa yebhitumene;* basaba ookumkani, owaseSodom, nowaseGomora, beyela khona, amasalela asabela entabeni.

11. Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka.

12. Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.

13. Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini* kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.

14. Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.

Igenesis 14