13. Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.
14. Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;
15. ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;
16. ndiyènze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angáthi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.