7. UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.
8. Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.
9. Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.
10. Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.
11. Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.
12. Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.
13. Ùze uthi, ùngudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.
14. Kwathi, akufika uAbram eYiputa, ambona amaYiputa umfazi ukuba uyinzwakazi.
15. Bambona abathetheli bakaFaro, bamdumisa kuFaro; umfazi wasiwa endlwini kaFaro.
16. Wamphatha ngokulungileyo uAbram ngenxa yakhe; wanempahla emfutshane, neenkomo, namaesile, nabakhonzi, nabakhonzazana, neemazi zamaesile, neenkamela.