Igenesis 12:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.

6. UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini* kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.

7. UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.

8. Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.

9. Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.

10. Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.

11. Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.

12. Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.

Igenesis 12