Igenesis 10:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.

15. UKanan wazala uTsidon, owamazibulo wakhe,

16. noHeti, namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

17. namaHivi, nama-Areki, namaSin, nama-Arvadi,

18. namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan.

19. Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha.

20. Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.

21. UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete.

22. Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram.

Igenesis 10