6. Wayenza ka uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.
7. UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
8. Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro,
9. lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa.
10. Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni.