29. UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.
30. Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.
31. Yabhuqwa iflakisi* nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.
32. Ke yona ingqolowa nespelete* ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.