Ieksodus 7:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wòthi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.

10. Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.

11. Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.

12. Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo.

13. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.

14. Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu.

15. Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni.

16. Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.

17. Utsho uYehova ukuthi, Uya kwazi ngale nto ke ukuba ndinguYehova. Yabona, ndiya kubetha ngentonga esesandleni sam emanzini omlambo, aguqulwe abe ligazi,

Ieksodus 7