Ieksodus 38:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, nezipili zabafazi, ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.

9. Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.

10. Iintsika zawo zaba mashumi mabini, neziseko zazo zaba mashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.

11. Ngecala lasentla amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu; iintsika zawo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.

12. Ngecala lasentshonalanga amawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu; iintsika zawo zalishumi, neziseko zazo zalishumi; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.

Ieksodus 38