Ieksodus 33:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.

11. UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.

12. Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, ùthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo ùya kundithuma naye; kanti ke ùthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabále.

13. Ngoko ukuba undibabále, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.

14. Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.

Ieksodus 33