3. Bawaqhawula ke abantu bonke amajikazi egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron.
4. Wawathabatha ezandleni zabo, wayikrola igolide ngentlabo, wayenza ithole elityhidiweyo. Bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa!
5. Wabona uAron, wákha isibingelelo phambi kwalo; wadanduluka uAron wathi, Ngumthendeleko kuYehova ngomso.
6. Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.
7. Wathi uYehova kuMoses, Hamba uhle; kuba abantu bakho, owabanyusayo ezweni laseYiputa, bonakalisile;