4. Wabona uYehova, ukuba utyekile esiza kubona; uThixo wabiza esetyholweni phakathi, wathi kuye, Moses, Moses. Wathi yena, Ndilapha.
5. Wathi, Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezo ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.
6. Wathi, NdinguThixo kayihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wabusithelisa uMoses ubuso bakhe, kuba ebesoyika ukukhangela kuThixo.
7. Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo.
8. Ndihlile ke; ndizé kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.