Ieksodus 23:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uze ungàthuthi ludaba lukhohlakeleyo; uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo.

2. Uze ungàlandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungàthi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isinizi, uyijike inyaniso.

3. Uze ungàsicengi isisweli ekubambaneni kwaso nomnye.

4. Xa uthe waqubisana nenkomo yotshaba lwakho, nokuba liesile lalo, lilahleka: wolibuyisela kulo.

5. Xa uthe walibona iesile lokuthiyileyo lisadaléle phantsi komthwalo walo, musa ukumyekela; likhulule umkhululise.

6. Uze ungàsijiki isigwebo sehlwempu lakho ekubambaneni kwalo nomnye.

7. Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.

8. Uze ungàmkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.

9. Uze ungàmxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

10. Wòwuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;

11. ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wénjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.

12. Wòwusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho neesile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.

13. Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.

14. Wòndenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.

15. Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;

Ieksodus 23