Ieksodus 20:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. kuba ngemihla emithandathu uYehova wênza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.

12. Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

13. Uze ungabulali.

14. Uze ungakrexezi.

15. Uze ungebi.

Ieksodus 20