Ieksodus 2:23-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.

24. Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.

25. UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.

Ieksodus 2