Ieksodus 2:10-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses,* yathi, Ndamrhola emanzini.

11. Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.

12. Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.

13. Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowoné omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?

Ieksodus 2