Ieksodus 19:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu;

11. kuba ngomhla wesithathu úya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke;

12. ubàmisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe.

13. Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho ziné, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, bangányuka entabeni bona.

14. Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo.

15. Wathi ebantwini, Ize nizilungiselele umhla wesithathu, ningasondeli ebafazini.

16. Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni.

17. UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba.

18. Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.

19. Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi.

Ieksodus 19