28. Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?
29. Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.
30. Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.
31. Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana.* Yayinjengembewu yekoriyandire,* imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.
32. Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.