Ieksodus 16:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?

29. Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.

30. Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.

31. Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana.* Yayinjengembewu yekoriyandire,* imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.

32. Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.

Ieksodus 16