Ieksodus 16:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.

18. Balinganisela ngehomere; akagqithisa obĂșthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.

19. Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.

20. Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.

21. Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.

22. Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.

Ieksodus 16