13. Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.
14. Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni.
15. Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.
16. Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere* ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.
17. Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.
18. Balinganisela ngehomere; akagqithisa obĂșthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
19. Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.
20. Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
21. Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.
22. Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.
23. Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse.
24. Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; Ă yanuka, akwabakho mpethu kuyo.
25. Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.
26. Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.
27. Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.
28. Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?
29. Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.
30. Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.
31. Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana.* Yayinjengembewu yekoriyandire,* imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.