8. Ngokufutha kwamathatha akho afunjwa amanzi,Yema njengemfumba imiqukuqela.Ajiya amanzi enzonzobila embilinini yolwandle.
9. Lwathi utshaba,Ndiyasukela, ndiyafumana,Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo;Ndirhola ikrele lam, síya kubagqogqa isandla sam.
10. Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle;Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.
11. Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova?Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele,Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?