24. Wòligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni.
25. Nòthi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo.
26. Kothi, xa bathe oonyana benu kuni,
27. Iyintoni na le nkonzo kuni? nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.
28. Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.