Ieksodus 11:9-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa.

10. UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.

Ieksodus 11