20. Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.
21. Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.
22. Wasolulela uMoses insandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.
23. Àbabonana; àkwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.
24. UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.
25. Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu;
26. nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.