Iduteronomi 9:6-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulimé; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.

7. Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.

8. NaseHorebhe namqumbisa uYehova, wanifuthela UYehova ukuba anitshabalalise.

Iduteronomi 9