Iduteronomi 9:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.

12. Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonákalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.

13. Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;

14. ndíyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwènze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.

15. Ndajika ke ndehla entabeni, intaba isitsha ngumlilo, amacwecwe omabini omnqophiso esezandleni zam zozibini.

Iduteronomi 9