Iduteronomi 9:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yiva, Sirayeli! Ùyayiwela namhla iYordan, usiya kuzihlutha iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunawe, imizi emikhulu, enqatyiswe yesa ezulwini;

2. abantu abakhulu, abade, oonyana baka-Anaki, obaziyo wena, obavileyo wena kusithiwa ngabo, Ngubani na onokuma phambi koonyana baka-Anaki?

3. Yazi ke namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye owela phambi kwakho, engumlilo odlayo. Wòbatshabalalisa, wobathoba phambi kwakho; ubagqogqe, ubacime kamsinya, njengoko wathethayo kuwe uYehova.

4. Uze ungatsho entliziyweni yakho ekubagxotheni kukaYehova uThixo wakho ebusweni bakho, ukuthi, Kungobulungisa bam andingenisileyo uYehova, ukuba ndilimé eli lizwe. Kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.

5. Akungabulungisa bakho, nokuthi tye kwentliziyo yakho, le nto ungénayo ulimé ilizwe lazo: kuba kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova, uThixo wakho, azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho, ukuze alimise ilizwi elo uYehova abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.

6. Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulimé; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.

Iduteronomi 9