Iduteronomi 8:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;

10. udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.

11. Zigcine, hleze umlibale uYehova uThixo wakho ngokungayigcini imithetho yakhe, namasiko akhe, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla;

12. hleze uthi, wakudla uhluthe, wakhe izindlu ezintle, uhlale kuzo;

13. zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo:

14. isuke iphakame intliziyo yakho, umlibale uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;

15. owakuhambisayo entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;

16. owakudlisa imana entlango, into ababengayazi ooyihlo, ukuze akuthobe, akulinge, ukuba akwenzele okulungileyo ekupheleni kwakho;

17. úze uthi ke entliziyweni yakho, Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise obu butyebi.

18. Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunika amandla okuzuza ubutyebi; ukuze awumise umnqophiso wakhe abewufungele ooyihlo, njengoko kunjalo namhla.

19. Kothi, ukuba ùthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, wabanqula, ndiyaningqinela namhla, ukuba nobhubha kanye.

Iduteronomi 8