3. Yiva ke, Sirayeli, ugcine ukwenza, ukuze kulúnge kuwe, ukuze nande kunene ezweni elibaleka amasi nobusi, njengokuba uYehova, uThixo wooyihlo, akuthethileyo kuwe.
4. Yiva, Sirayeli: uYehova uThixo wethu nguYehova mnye.
5. Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke.
6. La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho.
7. Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;
8. uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho;
9. uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.
10. Kothi, xa athe wakungenisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba akunike: imizi emikhulu, emihle, ongayakhanga;
11. nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, ongazizalisanga; namaqula ambiweyo, ongawambanga; nezidiliya nezinquma, ongazityalanga; wadla wahlutha:
12. uzigcine, hleze umlibale uYehova okukhuphileyo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
13. UYehova uThixo wakho ùze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe.
14. Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo;
15. ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.
16. Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa.
17. Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo;
18. wenze okuthe tye, okulungileyo emehlweni kaYehova; ukuze kulúnge kuwe, ungene ulimé ilizwe elihle, awalifungela ooyihlo uYehova,
19. ukuba azigxothe iintshaba zakho zonke ebusweni bakho, njengoko wathethayo uYehova.
20. Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu?