18. Uze ungakrexezi.
19. Uze ungebi.
20. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
21. Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
22. Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini nasesithokothokweni, ngezwi elikhulu, àkongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.