Iduteronomi 4:18-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba;

19. hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.

20. Ke nina unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi eYiputa, ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye, njengoko ninjalo namhla.

21. Phezu koko uYehova wandifuthela ngenxa yamazwi enu, wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan, andiyi kungena ezweni elihle akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuba libe lilifa;

Iduteronomi 4