20. NgoGadi wathi,Makabongwe owandisa uGadi.Ubuthuma njengengonyamakazi,Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.
21. Wazibonela isahlulo esiyingqalo;Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho.Weza kwiintloko zabantu,Wenza ubulungisa bukaYehova,Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.
22. Wathi ngoDan,UDan lithole lengonyama;Usuka umtsi eBhashan.
23. NgoNafetali wathi,Nafetali, ukholisiweyo kanye,Uzeleyo yintsikelelo kaYehova,Wòluhlutha ulwandle nomzantsi.
24. NgoAshere wathi,Úsikelelwe ngaphezu koonyana uAshere;Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe,Athi nkxu unyawo lwakhe eolini.