1. Yiyo le intsikelelo, awabasikelela ngayo uMoses, indoda yakwaThixo, oonyana bakaSirayeli, phambi kokufa kwakhe, wathi:
2. UYehova wavela eSinayi,Waphuma kwaSehire phezu kwabo;Wabengezela esezintabeni zeParan,Weza ephuma kwiingcwele ezimawaka alishumi,Ekunene kwakhe ikukubinza komlilo kubo.
3. Inene, úyazithanda izizwe.Bonke abangcwele bakhe basesandleni sakho,Bahlala ezinyaweni zakho,Besuke ngamazwi akho.
4. UMoses wasiwisela umyalelo,Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.
5. Waba ngukumkani kwaYeshurun,Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu,Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.