6. Nènjenje na ukumphatha uYehova?Bantundini banobudenge, bangenabulumko,Akanguye na uyihlo okudalileyo,Okwenzileyo, okusekileyo?
7. Khumbula iimini zasephakadeni,Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana.Buza kooyihlo, bakubalisele,Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.
8. Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa,Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam,Wayimisa imida yezizweNgokwenani loonyana bakaSirayeli.
9. Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe,UYakobi licandelo lelifa lakhe.
10. Wamfumana ezweni eliyintlango,Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo;Wamwola, wamondla,Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.
11. Njengokhozi lususela,Lundanda phezu kwamathole alo,Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha,Wamthwala ngamaphiko akhe.