Iduteronomi 32:28-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Ngokuba luhlanga oluphelelwe ngamacebo,Tu ingqondo kubo.

29. Akwaba babelumkile; ngebekuqiqa oku,Basiqonde isiphelo sabo.

30. Yo! Ebengayi kuthi na emnye kubo asukele iwaka,Bebabini bagxothe amawaka alishumi,Ukuba belingathengisanga ngabo iLiwa labo,Wabanikela uYehova?

31. Kuba alinjengeLiwa lethu iliwa lazo,Iintshaba zethu zingabagwebi boko.

Iduteronomi 32