Iduteronomi 31:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Kothi, xa bathe bafunyanwa bububi obuninzi naziimbandezelo, isuke le ngoma iphendule phambi kwabo, ibe lingqina: kuba ayisayi kulityalwa imke emlonyeni wembewu yabo; kuba ndiyakwazi ukucamanga kwabo abakwenzayo namhla, ndingekabangenisi nje kwelo zwe ndifunge ngalo.

22. Wayibhala uMoses loo ngoma ngaloo mini, wayifundisa oonyana bakaSirayeli.

23. Wammisela uYoshuwa unyana kaNun umthetho; wathi, Yomelela, ukhaliphe, kuba ùya kubangenisa wena oonyana bakaSirayeli kwelo zwe ndabafungela lona. Ndiya kuba nawe mna.

24. Kwathi, akugqiba uMoses ukuwabhala amazwi alo myalelo encwadini ada agqitywa,

25. uMoses wabawisela umthetho abaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, esithi,

26. Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni.

27. Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam?

Iduteronomi 31