Iduteronomi 3:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UYehova uThixo wethu wamnikela ke ezandleni zethu uOgi ukumkani waseBhashan, nabantu bakhe bonke; sambulala, kwada akwabakho namnye usindayo.

4. Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, akwabakho mzi singawuthabathanga kubo; imizi yaba mashumi mathandathu, wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan.

5. Yonke loo mizi ibinqatyiswe ngodonga oluphakamileyo, namasango, nemivalo; iyodwa imizi yabasemaphandleni, eyabe imininzi kunene.

6. Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon; sasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana.

7. Ke zona iinkomo zonke namaxhoba aloo mizi sazithimbela.

8. Salithabatha ke ngelo xesha ilizwe esandleni sookumkani bobabini bama-Amori, elingaphonoshono kweYordan, lisusela kumlanjana oyiArnon, lada lesa entabeni yeHermon

9. (amaTsidon athi iHermon leyo yiSiriyon, ke ama-Amori athi yiSenire),

Iduteronomi 3