Iduteronomi 28:38-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Wòphuma nembewu eninzi uye entsimini, uvune into encinane; ngokuba iya kunqunquthwa ziinkumbi.

39. Wòtyala izidiliya, uzisebenze, ungaseli wayini noko, ungavuni zidiliya; ngokuba ziya kudliwa ngukruxeshe.

40. Wòba neminquma emideni yakho yonke, ungazithambisi ngeoli noko; ngokuba iminquma yakho iya kunyothulwa.

41. Wòzala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.

42. Yonke imithi yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, sohluthwa ziinkumbi.

43. Owasemzini ophakathi kwakho wokunyuka, aye enyuka ngokunyuka; wena uye usihla ngokuhla.

Iduteronomi 28