Iduteronomi 28:23-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Izulu lakho eliphezu kwentloko yakho loba lubhedu, umhlaba ophantsi kwakho ube sisinyithi.

24. UYehova woyenza imvula yelizwe lakho ibe luthuthu nothuli, ihle ezulwini phezu kwakho ude utshabalale.

25. UYehova wokunikela ubethwe ziintshaba zakho, uphume ngandlela-nye ukuya kuzo, uzibaleke ngeendlela ezisixhenxe, ube yinto yokufeketha ezikumkanini zonke zehlabathi;

26. isidumbu sakho sibe kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa elizwe, kungabikho bani uphekuzayo.

27. UYehova wokubetha ngethumba laseYiputa, nangezilonda, nangokhwekhwe, nangenjinana, ongayi kuba nako ukuphiliswa kuzo.

28. UYehova wokubetha ngokubhuda nangobumfama, nangokuphambana ingqondo,

29. uphuthaphuthe emini emaqanda, njengemfama iphuthaphutha esithokothokweni; ungabi nampumelelo ezindleleni zakho, ucudiswe kodwa, uphangwe yonke imihla, kungabikho bani ukusindisayo.

30. Wòziganela umfazi, alalwe ndoda yimbi; woyakha indlu ungayihlali; wotyala isidiliya ungasidli.

31. Yoxhelwa inkomo yakho ùkhangele, ùngayidli; kohluthwa iesile lakho ebusweni bakho, lingabuyeli kuwe; yonikwa iintshaba zakho impahla yakho emfutshane, ungabi nabani uyihlangulayo.

32. Bonikwa bantu bambi oonyana bakho neentombi zakho, akhangele amehlo akho, aphelele kubo imini yonke, singabi namandla isandla sakho.

Iduteronomi 28