1. Xa kuthe kwabambana amadoda, kweziwa ematyaleni ukuba lithethwe ityala lawo, ize igwetyelwe elilungisa, igwetywe engendawo;
2. kothi ke, ukuba ithe engendawo yafanelwa kukubethwa umgwebi ayilalise phantsi, ibethwe phambi kwakhe, ngokulingene nokungabi ndawo kwayo, ngokwenani.